-
-
Xhosa
-
-
1
|Jueces 8:1|
Athi amadoda akwaEfrayim kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi, yokuba ungasibizi, ukuya kulwa kwakho namaMidiyan? Babambana naye kabukhali.
-
2
|Jueces 8:2|
Wathi kuwo, Ndenze ntoni na ngoku ngangani? Ukubhikica kwamaEfrayim akukugqithile na ngokulunga ukuvuna iidiliya komAbhihezere?
-
3
|Jueces 8:3|
UThixo ubanikele esandleni senu abathetheli bakwaMidiyan, uOrebhe noZebhe; yintoni na endinokuyenza ngangani? Yaza ingqumbo yawo ngakuye yadamba ekulithetheni kwakhe elolizwi.
-
4
|Jueces 8:4|
Akufika uGidiyon eYordan, ewela enamadoda amakhulu mathathu, etyhafile, esasukela noko,
-
5
|Jueces 8:5|
wathi kumadoda aseSukoti, Khanibaphe abantu aba bandilandelayo iintendana zezonka, ngokuba batyhafile; ndisukela uZebha noTsalimuna, ookumkani bamaMidiyan.
-
6
|Jueces 8:6|
Bathi abathetheli baseSukoti, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwunike umkhosi wakho isonka?
-
7
|Jueces 8:7|
Wathi uGidiyon, Xa kunjalo, akubanikela uYehova ooZebha noTsalimuna esandleni sam, ndoyibhalula inyama yenu ngemithana enameva yasentlango, nangamakhakakhaka.
-
8
|Jueces 8:8|
Wenyuka khona, waya ePenuweli, wathetha kubo kwangokunjalo. Bamphendula abantu basePenuweli njengoko bamphendula ngako abantu baseSukoti.
-
9
|Jueces 8:9|
Watsho nakubantu basePenuweli, ukuthi, Ekubuyeni kwam ngoxolo ndoyidiliza le nqaba inde.
-
10
|Jueces 8:10|
Ke kaloku uZebha noTsalimuna bebeseKarkore, benemikhosi yabo, ngathi ngamawaka alishumi elinamahlanu ewonke amadoda, abesele kwimikhosi yonke yabasempumalanga. Kwakuwe amadoda alikhulu elinamanci mabini amawaka, arhola ikrele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10