-
-
Xhosa
-
-
31
|Jueces 8:31|
Neshweshwe lakhe, elibe likwaShekem, lamzalela unyana nalo; awamthiya igama lokuba nguAbhimeleki.
-
32
|Jueces 8:32|
Wafa uGidiyon unyana kaYowashe, eyingwevu enkulu, wangcwatyelwa engcwabeni likaYowashe uyise, eOfra yama-Abhihezere.
-
33
|Jueces 8:33|
Kwathi, akufa uGidiyon, babuya oonyana bakaSirayeli bahenyuza ngokulandela uBhahali; bazimisela uBhahali-bheriti, waba nguthixo wabo.
-
34
|Jueces 8:34|
Oonyana bakaSirayeli abamkhumbulanga uYehova uThixo wabo, owabahlangulayo esandleni seentshaba zabo zonke ngeenxa zonke;
-
35
|Jueces 8:35|
abayenzela nceba indlu kaYerubhahali, kaGidiyon, ngokokulunga konke awawenzelayo amaSirayeli.
-
1
|Jueces 9:1|
Waya uAbhimeleki kaYerubhahali kwaShekem kubazalwana bonina, wathetha kubo nakwimizalwane yonke yendlu kayise yonina, wathi,
-
2
|Jueces 9:2|
Khanithethe ezindlebeni zabemi bakwaShekem bonke, nithi, Okona kulungileyo kuni, kukuthi nilawulwe ngamadoda amashumi asixhenxe, oonyana bonke bakaYerubhahali, kukuthi nilawulwe yindoda ibe nye, kusini na? Khumbulani ukuba ndilithambo lenu; ndiyinyama yenu.
-
3
|Jueces 9:3|
Bathetha abazalwana bonina ngaye, ezindebeni zabemi bakwaShekem bonke loo mazwi onke, intliziyo yabo yakuthobela ukumlandela uAbhimeleki; ngokuba bathi, Ngumzalwana wethu.
-
4
|Jueces 9:4|
Bamnika iisilivere ezimashumi asixhenxe ezivela endlwini kaBhahali-bheriti; uAbhimeleki waqesha ngazo amadoda angenabuntu, agasileyo; amlandela ke.
-
5
|Jueces 9:5|
Weza endlwini kayise eOfra, wababulala abazalwana bakhe, oonyana bakaYerubhahali, amadoda amashumi asixhenxe, tyeni linye; kwasala uYotam, unyana omncinane kaYerubhahali, ngokuba wazimela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13