-
-
Xhosa
-
-
26
|Jueces 9:26|
Waya uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, badlula besiya kwaShekem. Abemi bakwaShekem bakholosa ngaye.
-
27
|Jueces 9:27|
Baphuma baya emasimini, bavuna izidiliya zabo, bazixovula, benza iminikelo yendumiso, baya endlwini yothixo wabo, badla, basela, bamqalekisa uAbhimeleki.
-
28
|Jueces 9:28|
Wathi uGahali unyana kaEbhede, Ngubani na yena uAbhimeleki? Engubani na yena uShekem, ukuba simkhonze? Akanyana kaYerubhahali na, waye uZebhule engemveleli wakhe na? Khonzani amadoda akwaHamore, usoShekem. Kungani na ukuba simkhonze yena?
-
29
|Jueces 9:29|
Ababa aba bantu babesesandleni sam! Kukhona bendingamsusayo uAbhimeleki. Wathi, esingisa kuAbhimeleki, Wandise umkhosi wakho, uphume.
-
30
|Jueces 9:30|
Waweva uZebhule, umphathi waloo mzi, amazwi kaGahali unyana kaEbhede, wavutha umsindo wakhe.
-
31
|Jueces 9:31|
Wathuma abathunywa kuAbhimeleki ngenkohliso, esithi, Nanku uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, befike kwaShekem; yabona, bayawubandezela umzi ukuba uchasane nawe.
-
32
|Jueces 9:32|
Vuka ke ngoko ebusuku, wena nabantu onabo, ulalele emasimini;
-
33
|Jueces 9:33|
kothi, kusasa ukuphuma kwelanga, uvuke kusasa, wakhe uluhlu uye kuloo mzi; nanko yena nabantu anabo bephuma besiza kuwe; wenze kuye, njengoko sithe safumana ngako isandla sakho.
-
34
|Jueces 9:34|
Wavuka ke ebusuku uAbhimeleki nabantu bonke anabo, bawulalela owakwaShekem, bemaqela mane.
-
35
|Jueces 9:35|
Waphuma uGahali unyana kaEbhede, wema ekungeneni kwesango lomzi; wesuka uAbhimeleki nabantu anabo ekulaleleni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7