-
-
Xhosa
-
-
36
|Jueces 9:36|
UGahali wababona abantu, wathi kuZebhule, Naba abantu besihla ezincotsheni zeentaba. Wathi uZebhule kuye, Ubona amathunzi eentaba ngathi ngabantu.
-
37
|Jueces 9:37|
Waphinda waqokela uGahali, wathi ukuthetha, Naba abantu besihla emnyeleni welizwe, elinye iqela lisiza ngendlela yoMoki wamaTola.
-
38
|Jueces 9:38|
Wathi uZebhule kuye, Uphi na kaloku umlomo wakho owathi ngawo, Ngubani na uAbhimeleki ukuba simkhonze? Asingabo abo bantu na wabacekisayo? Khawuphume kaloku, ulwe nabo.
-
39
|Jueces 9:39|
Waphuma uGahali phambi kwabemi bakwaShekem, walwa noAbhimeleki.
-
40
|Jueces 9:40|
UAbhimeleki wamsukela; wasaba yena phambi kwakhe. Kwawa ababuleweyo baba baninzi, kwada kwesa ekungeneni kwesango.
-
41
|Jueces 9:41|
UAbhimeleki wahlala eAruma; uZebhule wamgxotha uGahali nabazalwana bakhe ukuba bangahlali kwaShekem.
-
42
|Jueces 9:42|
Kwathi ngengomso, baphuma abantu baya emasimini; waxelewa uAbhimeleki.
-
43
|Jueces 9:43|
Wabathabatha abantu, wabahlula baba maqela mathathu, walalela emasimini; wakhangela, wabona abantu bephuma kuloo mzi, wabavunukela wabaxabela.
-
44
|Jueces 9:44|
UAbhimeleki namaqela abenawo badwela ekungeneni kwesango lomzi; aza amaqela amabini akha uluhlu kubo bonke ababesemasimini, abaxabela ke.
-
45
|Jueces 9:45|
UAbhimeleki walwa naloo mzi imini yonke, wawuthimba umzi, nabantu abakuwo wababulala; wawudiliza umzi, wawuhlwayela ityuwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13