-
-
Xhosa
-
-
6
|Jueces 9:6|
Bahlangana bonke abemi bakwaShekem nendlu yonke yeMilo, baya bamenza uAbhimeleki ukumkani ngasemokini wesikhumbuzo okwaShekem.
-
7
|Jueces 9:7|
Waxelelwa uYotam, waya wema encotsheni yentaba yeGerizim, waliphakamisa izwi lakhe, wadanduluka, wathi kubo, Ndiveni, nina bemi bakwaShekem, aze uYehova anive nani.
-
8
|Jueces 9:8|
Yaya imithi ukuya kuthambisa ukumkani ukuba abe phezu kwayo. Yathi kumnquma, Yiba ngukumkani wethu.
-
9
|Jueces 9:9|
Wathi umnquma kuyo, Ndingade ndikuncame na ukutyeba kwam abakuzukisayo oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?
-
10
|Jueces 9:10|
Yathi imithi kumkhiwane, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.
-
11
|Jueces 9:11|
Wathi umkhiwane kuyo, Ndingade ndiyincame na incasa yam, neziveliso zam ezihle, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?
-
12
|Jueces 9:12|
Yathi imithi kumdiliya, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.
-
13
|Jueces 9:13|
Wathi umdiliya kuyo, Ndingade ndiyincame na iwayini yam evuyisa oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?
-
14
|Jueces 9:14|
Yathi yonke imithi kwiqunube, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.
-
15
|Jueces 9:15|
Lathi iqunube kuyo imithi, Ukuba okunene niyandithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani nizimele ngomthunzi wam; ukuba akunjalo, makuphume umlilo equnubeni, uyidle imisedare yaseLebhanon.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13