-
-
Xhosa
-
-
26
|Jueces 6:26|
wakhe isibingelelo kuYehova uThixo wakho encotsheni yale nqaba, usilungiselele, uthabathe eyesibini inkunzi, unyuse idini elinyukayo ngeenkuni zika-Ashera omgawuleyo.
-
27
|Jueces 6:27|
UGidiyon wathabatha amadoda alishumi kubakhonzi bakhe; wenza njengoko wathethayo uYehova kuye. Kwathi, kuba esoyika indlu kayise namadoda aloo mzi, akenza emini, wenza ebusuku.
-
28
|Jueces 6:28|
Avuka kusasa ngengomso amadoda aloo mzi: naso isibingelelo sikaBhahali sidiliziwe, egawulwe noAshera obengakuso, neyesibini inkunzi inyusiwe phezu kwesibingelelo esibe sakhiwe.
-
29
|Jueces 6:29|
Yathi enye kwenye, Ngubani na lo wenze le nto? Abuza, afuna. Bathi, NguGidiyon unyana kaYowashe, lo wenze le nto.
-
30
|Jueces 6:30|
Athi amadoda aloo mzi kuYowashe, Khupha unyana wakho, afe; ngokuba usidilizile isibingelelo sikaBhahali, wamgawula uAshera obengakuso.
-
31
|Jueces 6:31|
Wathi uYowashe kubo bonke ababemmele, Niya kummela uBhahali nina aba na? Niya kumsindisa nina aba na? Lowo ummelayo uBhahali makabulawe; makhe kuse. Ukuba unguThixo, makazithethele, ngokuba sidiliziwe isibingelelo sakhe.
-
32
|Jueces 6:32|
Kwathiwa loo mini unguYerubhahali, kusithiwa, uBhahali makaphikisane naye, ngokuba esidilizile isibingelelo sakhe.
-
33
|Jueces 6:33|
Ahlangana ndawonye onke amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga; awela, amisa emathafeni aseYizereli.
-
34
|Jueces 6:34|
UMoya kaYehova wangena kuGidiyon, wavuthela ngesigodlo; ahlatyelwa umkhosi, eza ama-Abhihezere, amlandela.
-
35
|Jueces 6:35|
Wathuma abathunywa kumaManase onke, ahlatyelwa; eza nawo amlandela. Wathuma abathunywa kuma-Ashere, nakumaZebhulon, nakumaNafetali; enyuka awakhawulela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10