-
-
Xhosa
-
-
21
|Jueces 4:21|
UYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, waya kuye ecotha, wasibethela isikhonkwane ezintlafunweni zakhe, saphumela sangena emhlabeni; kuba wayesebuthongweni obukhulu, ediniwe; wafa ke.
-
22
|Jueces 4:22|
Kwathi thaphu uBharaki, esukela uSisera. Waphuma uYaheli waya kumkhawulela, wathi kuye, Yiza, ndikubonise indoda oyifunayo. Waya kuye; nanko uSisera eludwamba efile, enesikhonkwane ezintlafunweni.
-
23
|Jueces 4:23|
UThixo wamthoba loo mini uYabhin, ukumkani wamaKanan, phambi koonyana bakaSirayeli.
-
24
|Jueces 4:24|
Saya isandla soonyana bakaSirayeli siba nzima ngokuba nzima phezu koYabhin, ukumkani wamaKanan, bada bamchitha uYabhin, ukumkani wamaKanan.
-
1
|Jueces 5:1|
Baza bavuma ooDebhora noBharaki, unyana ka-Abhinowam, ngaloo mini, besithi,
-
2
|Jueces 5:2|
Ngenxa yokukhokela kweenkokeli, Ngenxa yokuqhutywa kwabantu ziintliziyo zabo, Bongani uYehova.
-
3
|Jueces 5:3|
Yivani, bokumkani; bekani iindlebe, zidwangube; Mna lo ndiya kuvuma kuYehova, Ndiya kumbethela uhadi uYehova, uThixo kaSirayeli.
-
4
|Jueces 5:4|
Yehova, ekuphumeni kwakho kwaSehire, Ekunyalaseni kwakho, uvela emhlabeni wakwaEdom, Lanyikima ihlabathi, lavuza nalo izulu; Ewe, amafu avuza amanzi.
-
5
|Jueces 5:5|
Iintaba zazamazama phambi koYehova; ISinayi leya, phambi koYehova uThixo kaSirayeli.
-
6
|Jueces 5:6|
Ngemihla kaShamgare, umfo ka-Anati. Ngemihla kaYaheli, bezingahanjwa iindlela, Ababehamba ngeengqushu bahamba ngeendlela eziziphambusa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10