-
-
Xhosa
-
-
22
|Jueces 3:22|
Watsho sangena nesiphatho, salandela intsimbi; inqatha layivingcela intsimbi, ngokuba akalirholanga ikrele esiswini sakhe; laphuma phakathi kweempundu.
-
23
|Jueces 3:23|
Waphuma uEhude waya evarandeni, wazivala iingcango zegumbi elo liphezulu, wamvalela, wazitshixa.
-
24
|Jueces 3:24|
Ephumile ke yena, bangena abakhonzi, babona iingcango zegumbi eliphezulu zivaliwe; bathi, FanelÂ’ ukuba ugubungela iinyawo zakhe egumbini lempepho.
-
25
|Jueces 3:25|
Baphongoma bada baneentloni; nanko kungavuli mntu ezingcangweni zegumbi eliphezulu; bathabatha isitshixo, bavula: nantsi inkosi yabo iwe phantsi ifile.
-
26
|Jueces 3:26|
UEhude wasaba, besazilazila bona; wagqitha emifanekisweni eqingqiweyo, wasaba, waya eSehira.
-
27
|Jueces 3:27|
Kwathi, ukufika kwakhe, wavuthela ngesigodlo ekweleentaba lakwaEfrayim; behla naye oonyana bakaSirayeli kweleentaba, ephambi kwabo yena.
-
28
|Jueces 3:28|
Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Bamlandela ke, bawavingca amazibuko aseYordan angakwaMowabhi, abavuma ukuba kuwele mntu.
-
29
|Jueces 3:29|
Babulala amaMowabhi ngelo xesha, amadoda angathi angamawaka alishumi, onke etyebile, onke engamadoda anobukroti; akwasinda nanye indoda.
-
30
|Jueces 3:30|
Athotywa ke amaMowabhi loo mini aba phantsi kwesandla samaSirayeli; lazola ilizwe iminyaka emashumi asibhozo.
-
31
|Jueces 3:31|
Emveni kwakhe yaba nguShamgare, unyana ka-Anati, owabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amathandathu ngoviko lweenkomo, wawasindisa naye amaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7