-
-
Xhosa
-
-
15
|Jueces 2:15|
Athi akuphuma esiya naphi, sasuka isandla sikaYehova sawachasa ngobubi, njengoko wakuthethayo uYehova, njengoko wawafungelayo; abandezeleka kunene.
-
16
|Jueces 2:16|
UYehova wavelisa abagwebi; bawasindisa esandleni sabaphangi bawo.
-
17
|Jueces 2:17|
Akabaphulaphula nabagwebi bawo, asuka ahenyuza ngokulandela thixo bambi, abanqula, atyeka kamsinya endleleni ababehamba ngayo ooyise, yokuphulaphula imithetho kaYehova. Akenjanga njalo ke wona.
-
18
|Jueces 2:18|
Naxa uYehova wawavelisela abagwebi, uYehova waba nomgwebi lowo, wawasindisa esandleni seentshaba zawo yonke imihla yomgwebi lowo; ngokuba uYehova wazohlwaya ngenxa yokuncwina kwawo, phambi kwabaxini bawo, ababandezeli bawo.
-
19
|Jueces 2:19|
Kwathi, akufa umgwebi lowo, abuya onakalisa ngaphezu kooyise, alandela thixo bambi ngokubakhonza nangokubanqula; akaziyeka iintlondi zawo nendlela yokuba lukhuni kwawo.
-
20
|Jueces 2:20|
Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli; wathi, Ngenxa enokuba olu hlanga luwugqithile umnqophiso wam endawumisela ooyise, alwaliphulaphula ilizwi lam:
-
21
|Jueces 2:21|
nam andiyi kuphinda ndithi phambi kwabo ndigqogqe mntu wezi ntlanga, wazishiyayo uYoshuwa ekufeni kwakhe;
-
22
|Jueces 2:22|
ukuze ndiwalinge ngazo amaSirayeli, ukuba oyigcina na indlela kaYehova, ahambe ngayo, njengoko bayigcinayo ooyise, akayi kuyigcina, kusini na?
-
23
|Jueces 2:23|
Waziyeka ke uYehova ezo ntlanga, akazigqogqa kamsinya, akazinikela esandleni sikaYoshuwa.
-
1
|Jueces 3:1|
Zizo ke ezi iintlanga awaziyekayo uYehova, ukuze awalinge ngazo amaSirayeli, lawo angazazanga iimfazwe zonke zakwaKanan;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10