-
-
Xhosa
-
-
31
|Jueces 1:31|
UAshere akabagqogqanga abemi baseAko, nabemi baseTsidon, neAhalabhi, neAkezibhi, neHelebha, neAfiki, neRehobhi.
-
32
|Jueces 1:32|
Ama-Ashere ahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe; ngokuba akawagqogqanga.
-
33
|Jueces 1:33|
UNafetali akabagqogqanga abemi baseBhete-shemeshe, nabemi baseBhete-anati; wahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe. Abemi baseBhete-shemeshe nabaseBhete-anati bafakwa uviko nguye.
-
34
|Jueces 1:34|
Ama-Amori abaxinela kweleentaba oonyana bakaDan; ngokuba akabavumelanga ukuba behle beze entilini.
-
35
|Jueces 1:35|
Ama-Amori aphikela ukuhlala eHarheres, naseAyalon, naseShahalebhim. Isandla sendlu kaYosefu saba nzima, afakwa uviko.
-
36
|Jueces 1:36|
Umda wama-Amori wathabathela eqhineni leAkrabhim, engxondorheni, wenyusa.
-
1
|Jueces 2:1|
Kwenyuka isithunywa sikaYehova eGiligali, saya eBhokim, sathi, Ndaninyusa eYiputa, ndanizisa kwelo zwe ndafunga kooyihlo ngalo, ndathi, Andiyi kuwaphula umnqophiso wam nani naphakade;
-
2
|Jueces 2:2|
ke nina nize ningenzi mnqophiso nabemi beli lizwe; nize nizidilize izibingelelo zabo. Aniliphulaphulanga ke izwi lam. Yintoni na le niyenzileyo?
-
3
|Jueces 2:3|
Kananjalo ndathi, Andiyi kubagqogqa phambi kwenu, ukuze babe ziimviko emacaleni enu, oothixo babo babe ngumgibe kuni.
-
4
|Jueces 2:4|
Kwathi, sakuwathetha isithunywa sikaYehova la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, basuka abantu baliphakamisa izwi labo, balila.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10