-
-
Xhosa
-
-
21
|Jueces 1:21|
Ke amaYebhusi, abehleli eYerusalem, abawagqogqanga oonyana bakaBhenjamin. Ahleli amaYebhusi noonyana bakaBhenjamin eYerusalem unanamhla.
-
22
|Jueces 1:22|
Indlu kaYosefu yenyuka nayo, yaya kuyingenela iBheteli; uYehova waye enayo.
-
23
|Jueces 1:23|
Indlu kaYosefu yayihlola iBheteli; ke igama laloo mzi ngenxa engaphambili beliyiLuzi.
-
24
|Jueces 1:24|
Iintlola ezo zambona umntu ephuma kuloo mzi, zathi kuye, Khawusibonise ithuba lokungena kulo mzi; sokwenzela inceba.
-
25
|Jueces 1:25|
Wazibonisa ithuba lokungena kuloo mzi; zawubulala umzi ngohlangothi lwekrele; bamndulula loo mntu nemizalwane yakhe yonke.
-
26
|Jueces 1:26|
Waya loo mntu ezweni lamaHeti, wakha umzi, wathi igama lawo yiLuzi; ligama lawo unanamhla.
-
27
|Jueces 1:27|
UManase akayigqogqanga iBhete-shehan namagxamesi ayo, neTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi baseIhlam namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo; ke amaKanan aphikela ukuhlala kwelo zwe.
-
28
|Jueces 1:28|
Kwathi, akomelela amaSirayeli, awafaka uviko amaKanan, akawagqogqa awagqibe.
-
29
|Jueces 1:29|
UEfrayim akawagqogqanga amaKanan abemi eGezere; ahlala amaKanan phakathi kwakhe eGezere.
-
30
|Jueces 1:30|
UZebhulon akabagqogqanga abemi baseKitron nabemi baseNahaloli; ahlala amaKanan phakathi kwakhe, afakwa uviko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7