-
-
Xhosa
-
-
5
|Jueces 2:5|
Bayibiza loo ndawo ngokuthi, yiBhokim; babingelela apho kuYehova.
-
6
|Jueces 2:6|
Ke kaloku okuya uYoshuwa wabandululayo abantu, baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balime ilizwe.
-
7
|Jueces 2:7|
Abantu bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalelayo kuYoshuwa, abewubonile wonke umsebenzi omkhulu kaYehova, abewenzele amaSirayeli.
-
8
|Jueces 2:8|
Wafa ke uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe.
-
9
|Jueces 2:9|
Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnata-heres, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe.
-
10
|Jueces 2:10|
Sakuba neso sizukulwana sonke sihlanganiselwe kooyise, kwavela sizukulwana simbi emva kwaso, esibe singamazi uYehova, kwanomsebenzi abewenzele amaSirayeli.
-
11
|Jueces 2:11|
Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bakhonza ooBhahali.
-
12
|Jueces 2:12|
Bamlahla uYehova, uThixo wooyise, owabakhuphayo ezweni lamaYiputa; balandela thixo bambi koothixo bezizwe ezibajikelezileyo, babanqula, bamqumbisa uYehova.
-
13
|Jueces 2:13|
Bamlahla ke uYehova, bakhonza uBhahali noAshtaroti.
-
14
|Jueces 2:14|
Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sabaphangi, bawaphanga. Wathengisa ngawo, wawanikela esandleni seentshaba zawo ngeenxa zonke; akaba saba nakuma phambi kweentshaba zawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19