-
-
Xhosa
-
-
2
|Jueces 3:2|
ukuze kodwa azazi izizukulwana zoonyana bakaSirayeli ngokuzifundisa imfazwe, zona ezo zanga phambili zazingazazi:
-
3
|Jueces 3:3|
izikhulu zozihlanu zamaFilisti, namaKanan onke, namaTsidon, namaHivi ahleli ezintabeni zeLebhanon, ethabathela ezintabeni zeBhahali-hermon, ese ekuyeni eHamati.
-
4
|Jueces 3:4|
Abo ke babengabokulinga amaSirayeli, ukuze kwazeke ukuba oyiphulaphula na imithetho kaYehova, awayiwisela ooyise ngesandla sikaMoses.
-
5
|Jueces 3:5|
Bahlala ke oonyana bakaSirayeli phakathi kwamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
-
6
|Jueces 3:6|
Bazizeka iintombi zawo zaba ngabafazi babo, bendisa iintombi zabo koonyana bawo, bakhonza oothixo bawo.
-
7
|Jueces 3:7|
Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bamlibala uYehova uThixo wabo, bakhonza ooBhahali nooAshera.
-
8
|Jueces 3:8|
Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni sikaKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram phakathi kweMilambo; bamkhonza ke oonyana bakaSirayeli uKushan-rishatayim iminyaka esibhozo.
-
9
|Jueces 3:9|
Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela uYehova oonyana bakaSirayeli umsindisi owabasindisayo, onguOteniyeli, unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi.
-
10
|Jueces 3:10|
Wafikelwa nguMoya kaYehova, wawalawula amaSirayeli, waphuma waya kulwa. UYehova wamnikela esandleni sakhe uKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram; isandla sakhe saba namandla phezu koKushan-rishatayim.
-
11
|Jueces 3:11|
Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane. Wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10