-
-
Xhosa
-
-
1
|Jueces 4:1|
Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, akuba efile uEhude.
-
2
|Jueces 4:2|
UYehova wathengisa ngabo, wabanikela esandleni sikaYabhin, ukumkani wakwaKanan, obephethe ubukumkani eHatsore, omthetheli-mkhosi ebenguSisera, ohleli eHarosheti yeentlanga.
-
3
|Jueces 4:3|
Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; ngokuba ebeneenqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba; wabaxina ke oonyana bakaSirayeli ngamandla iminyaka emashumi mabini.
-
4
|Jueces 4:4|
Ke kaloku uDebhora, umprofetikazi, umkaLapidoti, ebewalawula amaSirayeli ngelo xesha.
-
5
|Jueces 4:5|
Wayehleli phantsi komthi wesundu kaDebhora, phakathi kweRama neBheteli, kweleentaba lakwaEfrayim. Benyuka baya kuye oonyana bakaSirayeli ukuba athethe amatyala.
-
6
|Jueces 4:6|
Wathumela ke wabiza uBharaki, unyana ka-Abhinowam, eKedeshe yakwaNafetali, wathi kuye, Akakuwiselanga mthetho na uYehova, uThixo kaSirayeli, esithi, Hamba utsalele entabeni yeTabhore, uthabathe nawe amadoda angamawaka alishumi, koonyana bakaNafetali nakoonyana bakaZebhulon?
-
7
|Jueces 4:7|
Ndomtsalela kuwe emlanjaneni waseKishon uSisera, umthetheli womkhosi kaYabhin, neenqwelo zakhe zokulwa, nengxokolo yakhe; ndimnikele esandleni sakho.
-
8
|Jueces 4:8|
Wathi uBharaki kuye, Ukuba uthe wahamba nam, ndohamba; ukuba akuthanga ubambe nam, andiyi kuhamba.
-
9
|Jueces 4:9|
Wathi ke, Ukuhamba ndiya kuhamba nawe, kodwa akuyi kuba naludumo kule ndlela uyihambayo; ngokuba uYehova uya kuthengisa ngoSisera, amnikele esandleni senkazana. Wesuka ke uDebhora waya noBharaki eKedeshe.
-
10
|Jueces 4:10|
UBharaki wawahlabela umkhosi amaZebhulon namaNafetali eKedeshe. Kwenyuka amadoda angamawaka alishumi, amlandela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10