-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 20:31|
Nowesithathu wamzeka; benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana.
-
32
|Lucas 20:32|
Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi lowo.
-
33
|Lucas 20:33|
Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi.
-
34
|Lucas 20:34|
Waphendula ke wathi kubo uYesu, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa;
-
35
|Lucas 20:35|
ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa;
-
36
|Lucas 20:36|
kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.
-
37
|Lucas 20:37|
Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi.
-
38
|Lucas 20:38|
AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.
-
39
|Lucas 20:39|
Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho.
-
40
|Lucas 20:40|
Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38