-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 23:31|
Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?
-
32
|Lucas 23:32|
Ke kaloku baberhola nabanye abangabambi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye.
-
33
|Lucas 23:33|
Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo.
-
34
|Lucas 23:34|
Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.
-
35
|Lucas 23:35|
Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.
-
36
|Lucas 23:36|
Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye,
-
37
|Lucas 23:37|
esithi, Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise.
-
38
|Lucas 23:38|
Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, lo nguKumkani wamaYuda.
-
39
|Lucas 23:39|
Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise.
-
40
|Lucas 23:40|
Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40