-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 24:31|
Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.
-
32
|Lucas 24:32|
Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?
-
33
|Lucas 24:33|
Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye nabo babenabo,
-
34
|Lucas 24:34|
besithi, INkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon.
-
35
|Lucas 24:35|
Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.
-
36
|Lucas 24:36|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani.
-
37
|Lucas 24:37|
Besuka ke bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu.
-
38
|Lucas 24:38|
Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Kungani na ke ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu?
-
39
|Lucas 24:39|
Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ndicofeni, nikhangele; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna.
-
40
|Lucas 24:40|
Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40