-
-
Xhosa
-
-
41
|Lucas 6:41|
Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti ke wona umqadi okwelakho iliso akuwuqiqi?
-
42
|Lucas 6:42|
Ungathini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.
-
43
|Lucas 6:43|
Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kanjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle.
-
44
|Lucas 6:44|
Kuba umthi wonke waziwa ngesiqhamo sawo; kuba kungakhiwa makhiwane emithaneni enameva, kanjalo kungabuthwa diliya equnubeni.
-
45
|Lucas 6:45|
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
-
46
|Lucas 6:46|
Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo?
-
47
|Lucas 6:47|
Wonke ke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ndonibonisa lowo afana naye.
-
48
|Lucas 6:48|
Ufana nomntu owakha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo.
-
49
|Lucas 6:49|
Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwathi ukuwa kwaloo ndlu kwakukhulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4