-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
35
|Levítico 14:35|
makeze umninindlu amxelele umbingeleli, esithi, Kubonakala kum ngathi kukho isibetho endlwini.
-
36
|Levítico 14:36|
Wowisa umthetho umbingeleli, ukuba bayikhuphe impahla endlwini, engekangeni umbingeleli ukuba asikhangele isibetho, ukuze ingabi yinqambi yonke into esendlwini; emveni koko wongena umbingeleli ukuba ayikhangele indlu.
-
37
|Levítico 14:37|
Akusikhangela isibetho, O! isibetho sisezindongeni zendlu, sizizifanya ezibuhlazarha, nokuba zifuna ukuba ngqombela, ukubonakala kwazo zithe gangqa eludongeni:
-
38
|Levítico 14:38|
wophuma umbingeleli endlwini, aye emnyango wendlu, ayivale indlu imihla esixhenxe.
-
39
|Levítico 14:39|
Wobuya umbingeleli ngomhla wesixhenxe akhangele, O! siqhenqethile isibetho ezindongeni zendlu;
-
40
|Levítico 14:40|
aze awise umthetho umbingeleli, ukuba arholwe amatye esikuwo isibetho eso, aphoswe ngaphandle komzi endaweni eyinqambi;
-
41
|Levítico 14:41|
ayiphale indlu ngaphakathi ngeenxa zonke, bawuphose umhlaba abawuphalileyo ngaphandle komzi endaweni eyinqambi;
-
42
|Levítico 14:42|
bathabathe matye wambi, bawafake endaweni yaloo matye, kuthatyathwe olunye udaka, ityatyekwe indlu.
-
43
|Levítico 14:43|
Ukuba sithe sabuya isibetho sathi qwele endlwini, emveni kokurholwa kwamatye, nasemveni kokuphalwa kwendlu, nasemveni kokutyatyekwa kwayo,
-
44
|Levítico 14:44|
wongena umbingeleli, akhangele, O! siqhenqethile isibetho endlwini: liqhenqa elimandundu endlwini, iyinqambi ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36