-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Levítico 27:26|
Ngamazibulo odwa ezintweni ezizitho zine, azityulelwa kuYehova, angayi kungcwaliswa mntu, nokuba yinkomo, nokuba yimvu; ngakaYehova.
-
27
|Levítico 27:27|
Ukuba ngawezinto ezizitho zine eziziinqambi, makamiselwe ngokulinganisela kwakho, kongezwe isahlulo sesihlanu sayo kuko oko; ke ukuba athe akakhululwa ngentlawulelo, makuthengiswe ngawo ngokulinganisela kwakho.
-
28
|Levítico 27:28|
Kodwa yonke into esingelwe phantsi, asukuba umntu eyisingela kuYehova entweni yonke anayo, nokuba ngumntu, nokuba yinto ezizitho zine, nokuba yintsimi yelifa lakhe, makungathengiswa ngayo, mayingakhululwa nangentlawulelo. Yonke into esingelwe phantsi yingcwele kangcwele kuYehova.
-
29
|Levítico 27:29|
Yonke into esingelwe phantsi ethe yasingelwa phantsi ingumntu, mayingakhululwa nangokumiselwa; mayibulawe ife.
-
30
|Levítico 27:30|
Sonke isishumi somhlaba, sembewu yomhlaba, seziqhamo zomthi, sesikaYehova; singcwele kuYehova.
-
31
|Levítico 27:31|
Ukuba uthe umntu wasikhulula okunene ngentlawulelo isishumi sakhe, makongeze kuso isahlulo sesihlanu saso.
-
32
|Levítico 27:32|
Sonke isishumi seenkomo, nasempahleni emfutshane, yonke into ethubeleza phantsi kwentonga, eyeshumi mayibe ngcwele kuYehova.
-
33
|Levítico 27:33|
Makangagocagoci phakathi kwelungileyo nembi, angayanani; ukuba uthe wayanana ukuyanana oku, mayibe ngcwele yona, naleyo kwananwe ngayo mayingakhululwa ngentlawulelo.
-
34
|Levítico 27:34|
Yiyo leyo imithetho uYehova wayiwisela uMoses ngenxa yoonyana bakaSirayeli, entabeni yaseSinayi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5