-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
42
|Levítico 26:42|
ndowukhumbula umnqophiso wam noYakobi, kwanomnqophiso wam noIsake, kwanomnqophiso wam noAbraham; nelizwe ndilikhumbule.
-
43
|Levítico 26:43|
Nelizwe liya kushiywa ngabo laneliswe ziisabatha zalo, xa kuthe kwasenkangala, ababakho kulo; baneliswe bona bubugwenxa babo ngenxa enokuba bawacekisayo amasiko am, nomphefumlo wabo wadimala yimimiselo yam.
-
44
|Levítico 26:44|
Kanti ke noko kude kwanjalo, baba sezweni leentshaba zabo, andibacekisele; andidimele ngabo ukuba ndibagqibe, ndaphule umnqophiso wam nabo; kuba ndinguYehova, uThixo wabo.
-
45
|Levítico 26:45|
Ndonikhumbulela umnqophiso wam namanyange endiwakhuphe ezweni laseYiputa phambi kweentlanga, ukuba ndibe nguThixo kubo; ndinguYehova.
-
46
|Levítico 26:46|
Yiyo leyo imimiselo, namasiko, nemiyalelo, awayenzayo uYehova phakathi kwakhe noonyana bakaSirayeli, entabeni yaseSinayi, ngesandla sikaMoses.
-
1
|Levítico 27:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Levítico 27:2|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa athe umntu wenza isibhambathiso esibalulekileyo, imiphefumlo yoba yekaYehova ngokulinganisela kwakho.
-
3
|Levítico 27:3|
Ke, ukulinganisela kwakho, oyindoda makuthabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, kuse kominyaka imashumi mathandathu ezelwe: ukulinganisela kwakho makube ziishekele zesilivere ezimashumi mahlanu zengcwele.
-
4
|Levítico 27:4|
Ke ukuba yinkazana, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezimashumi mathathu.
-
5
|Levítico 27:5|
Ukuba kuthabathele kumntwana ominyaka mihlanu, kwesa kumntwana ominyaka imashumi mabini, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele ezimashumi mabini; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 4-7