-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Levítico 27:16|
Ukuba umntu uthe wangcwalisa kuYehova inxalenye yentsimi yelifa lakhe, ukulinganisela kwakho makube ngokwembewu yayo, ihomere yembewu yerhasi ngeeshekele zesilivere ezimashumi mahlanu.
-
17
|Levítico 27:17|
Ukuba uthe wayingcwalisa intsimi yakhe, ethabathe emnyakeni wentlokoma, mayiqiniseke ngokulinganisela kwakho.
-
18
|Levítico 27:18|
Ukuba uthe wayingcwalisa intsimi yakhe emva kowentlokoma, umbingeleli makambalele imali ngokweminyaka esaseleyo, kuse emnyakeni wentlokoma, iphungulwe kweyokulinganisela kwakho.
-
19
|Levítico 27:19|
Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula okunene ngentlawulelo intsimi, makongeze isahlulo sesihlanu semali yokulinganisela kwakho kuko oko, iqiniseke kuye.
-
20
|Levítico 27:20|
Ukuba uthe akayikhulula ngentlawulelo intsimi, nokuba uthe wathengisa ngentsimi leyo komnye umntu, mayingabi sakhululwa ngentlawulelo.
-
21
|Levítico 27:21|
Loo ntsimi yoba ngcwele kuYehova, ekuphumeni kwayo kuloo mntu ngomnyaka wentlokoma, njengentsimi eyahlulelwe ukuba ibe lilifa lombingeleli.
-
22
|Levítico 27:22|
Ukuba uthe wangcwaliswa kuYehova intsimi yentengo yakhe, ingentsimi yelifa lakhe,
-
23
|Levítico 27:23|
umbingeleli makambalele inani lokulinganisela kwakho, kuse emnyakeni wentlokoma, anike ukulinganisela kwakho ngaloo mhla, kube njengento engcwele kuYehova.
-
24
|Levítico 27:24|
Ngomnyaka wentlokoma intsimi mayibuyele kulowo yathengwa kuye, kulowo belilelakhe ilifa lomhlaba.
-
25
|Levítico 27:25|
Konke ukulinganisela kwakho makube ngeshekele yengcwele; ishekele yoba ziigera ezimashumi mabini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5