-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
47
|Levítico 25:47|
Xa sithe isandla somphambukeli nolundwendwe kuwe satyeba ekuwe, umzalwana wakho wanzonza ekuye, wazithengisa kumphambukeli olundwendwe kuwe, nakumlibo womzalwana womphambukeli:
-
48
|Levítico 25:48|
woba nokukhululwa ngentlawulelo emva kokuzithengisa kwakhe. Omnye kubazalwana bakhe womkhulula ngentlawulelo;
-
49
|Levítico 25:49|
nokuba nguyisekazi, nokuba ngunyana kayisekazi, womkhulula ngentlawulelo; nokuba ngowenyama yenyama yakhe emizalwaneni yakhe, womkhulula ngentlawulelo; nokuba isandla sakhe sithe satyeba, wozikhulula ngokwakhe ngentlawulelo.
-
50
|Levítico 25:50|
Wobalelana nowamthengayo, athabathele emnyakeni wokuthengiswa kwakhe kuye, ase emnyakeni wentlokoma, ithi imali yokuthengiswa kwakhe ime ngokwenani leminyaka abekuye, ngokwemihla yomqeshwa.
-
51
|Levítico 25:51|
Ukuba isemininzi iminyaka, woyibuyisa kwimali yokuthengwa kwakhe, ibe ngangayo intlawulelo yokukhululwa kwakhe.
-
52
|Levítico 25:52|
Ukuba kuthe kwasala iminyaka embalwa, ukuze kube ngumnyaka wentlokoma, wobala ngokweminyaka yakhe, abuyise intlawulelo yokukhululwa kwakhe.
-
53
|Levítico 25:53|
Woba njengomqeshwa umnyaka ngomnyaka kuye; aze angamphathi ngokutyumzayo emehlweni akho.
-
54
|Levítico 25:54|
Ukuba uthe, akakhululwa ngentlawulelo ngabo abo, wophuma ngomnyaka wentlokoma, yena enabantwana bakhe.
-
55
|Levítico 25:55|
Ngokuba kum oonyana bakaSirayeli ngabakhonzi; bangabakhonzi bam endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. NdinguYehova, uThixo wenu.
-
1
|Levítico 26:1|
Ize ningazenzeli izinto ezingeni, nomfanekiso oqingqiweyo, ningaziphakamiseli isimiso samatye, ningagxumeki ilitye elingumfanekiso ezweni lenu, ukuba niqubude kulo; ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3