-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Levítico 25:37|
Imali yakho uze ungamniki ngenxa yenzala, ungamniki ukudla kwakho ngenxa yolwando lwemboleko:
-
38
|Levítico 25:38|
ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndinike ilizwe lakwaKanan, ndibe nguThixo kuni.
-
39
|Levítico 25:39|
Xa athe umzalwana wakho wanzonza ekuwe, wazithengisa kuwe, uze ungamkhonzisi ngokukhonza kwekhoboka.
-
40
|Levítico 25:40|
Woba njengomqeshwa, njengolundwendwe kuwe; wokukhonza kude kube ngumnyaka wentlokoma;
-
41
|Levítico 25:41|
aphume kuwe enabantwana bakhe, abuyele emizalwaneni yakhe, abuyele elifeni likayise;
-
42
|Levítico 25:42|
ngokuba ngabakhonzi bam abo, endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. Makungathengiswa ngabo ngokuthengiswa kwekhoboka.
-
43
|Levítico 25:43|
Uze ungamphathi ngokutyumzayo; uze woyike uThixo wakho.
-
44
|Levítico 25:44|
Ikhoboka lakho nekhobokazana lakho, la akuwe, oba ngabasezintlangeni eziningqongileyo; nothenga kuzo ikhoboka nekhobokazana.
-
45
|Levítico 25:45|
Kanjalo koonyana babaziindwendwe kuni, abaphambukele kuni, nothenga kubo, nasemizalwaneni yabo ekuni, abayizalele ezweni lenu; babe lilifa kuni.
-
46
|Levítico 25:46|
Nobenza babe lilifa koonyana benu emva kwenu, ukuba babathabathe babe lilifa, nibakhonzise ngonaphakade. Ke bona abazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, mabangaphathani ngokutyumzayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3