-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Levítico 25:7|
nakwiinkomo zakho, nakwiinyamakazi ezisezweni lakho; lonke ungeniselo lwalo loba kukudla.
-
8
|Levítico 25:8|
Uze uzibalele iisabatha ezisixhenxe zeminyaka, iminyaka esixhenxe ibe zizihlandlo ezisixhenxe, ize imihla yeesabatha ezisixhenxe zeminyaka ibe yiminyaka emashumi mane aneminyaka esithoba kuwe;
-
9
|Levítico 25:9|
usihambise isigodlo sokumema ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo; ngomhla wokucamagusha nosihambisa isigodlo ezweni lenu lonke;
-
10
|Levítico 25:10|
umnyaka niwungcwalise, umnyaka wamashumi omahlanu, nivakalise inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Woba ngowentlokoma kuni, nibuvele elowo emizalwaneni yakhe.
-
11
|Levítico 25:11|
Umnyaka woba ngowentlokoma kuni, umnyaka wamashumi omahlanu, ukuba ningahlwayeli, ningawuvuni ummilela, ningasisiki isidiliya esingathenwanga.
-
12
|Levítico 25:12|
Ngokuba le ntlokoma yoba ngcwele kuni; noludla luvela entsimini ungeniselo lwayo.
-
13
|Levítico 25:13|
Ngalo mnyaka wentlokoma nobuyela elowo elifeni lakhe.
-
14
|Levítico 25:14|
Xa nithe nathengisa ngento ethengisayo kummelwane wenu, naxa uthe wathenga esandleni sommelwane wakho, musani ukubandezelana.
-
15
|Levítico 25:15|
Wothenga wena kummelwane wakho ngokwenani leminyaka emva komnyaka wentlokoma; wothengisa yena kuwe ngokwenani leminyaka yongeniselo.
-
16
|Levítico 25:16|
Ngokobuninzi beminyaka wolandisa ixabiso layo, nangokobuncinane beminyaka wolinciphisa ixabiso layo; ngokuba ethengisa kuwe ngenani longeniselo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3