-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Levítico 24:20|
ukwaphulwa ngokwaphulwa, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo. Njengoko amlimazileyo umntu, makwenziwe ngoko kuye.
-
21
|Levítico 24:21|
Obethe inkomo yafa, woyimisela; ke obethe umntu wafa makabulawe.
-
22
|Levítico 24:22|
Masibe sinye isigwebo senu kumphambukeli nakozalelwe ekhaya; ngokuba ndinguYehova uThixo wenu.
-
23
|Levítico 24:23|
Wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli; bamkhuphela phandle kweminquba lowo utshabhisileyo, bamxuluba ngamatye. Benza oonyana bakaSirayeli njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
-
1
|Levítico 25:1|
Wathetha uYehova kuMoses entabeni yaseSinayi, esithi,
-
2
|Levítico 25:2|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, ilizwe elo ke lophumla isabatha kuYehova.
-
3
|Levítico 25:3|
Woyihlwayela iminyaka emithandathu intsimi yakho, usithene isidiliya sakho iminyaka emithandathu, uhlanganise ungeniselo lwaso;
-
4
|Levítico 25:4|
ke umnyaka wesixhenxe woba yisabatha yesabatha kulo ilizwe, isabatha kuYehova. Uze ungayihlwayeli intsimi yakho, ungasitheni isidiliya sakho;
-
5
|Levítico 25:5|
ungawuvuni ummilela wokuvuna kwakho, neediliya zesidiliya sakho esingathenwanga uze ungazisiki. Woba ngumnyaka wesabatha kulo ilizwe.
-
6
|Levítico 25:6|
Isabatha yalo ilizwe yoba kukudla kuni, kuwe nakwisicaka sakho, nakwisicakakazi sakho, nakumqeshwa wakho, nakolundwendwe kuwe, nakophambukele kuwe,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3