-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Levítico 25:17|
Ize ningabandezelani; uze umoyike uThixo wakho, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
-
18
|Levítico 25:18|
Ize niyenze imimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze. Nohlala kulo ilizwe nikholosile;
-
19
|Levítico 25:19|
ilizwe livelise iziqhamo zalo, nidle nihluthe, nihlale nikholosile kulo.
-
20
|Levítico 25:20|
Xa nithe, Sodla ntoni na ngomnyaka wesixhenxe? nanku singahlwayeli, singahlanganisi lungeniselo lwethu:
-
21
|Levítico 25:21|
ndoyiwisela umthetho intsikelelo yam ibe kuni ngomnyaka wesithandathu, iluvelise ungeniselo lweminyaka emithathu.
-
22
|Levítico 25:22|
Nohlwayela ngomnyaka wesibhozo, nidle amahasa kude kube ngumnyaka wesithoba; nodla amahasa lude lufike ungeniselo lwawo.
-
23
|Levítico 25:23|
Ilizwe ze kungathengiswa ngalo, libhange, kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum;
-
24
|Levítico 25:24|
ezweni ke lonke lelifa lenu, ilizwe nolirholela intlawulelo.
-
25
|Levítico 25:25|
Xa athe umzalwana wakho wanzonza, wathengisa ngento yelifa lakhe, makeze owalamana naye ofanele ukumkhulula, ayikhulule ngokuyihlawulela loo nto wathengisa ngayo umzalwana wakhe.
-
26
|Levítico 25:26|
Umntu xa angenabani wokumkhulula, sibe sinokufikelela isandla sakhe sifumane okulingene ukuzikhululela ngentlawulelo:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3