-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Levítico 15:18|
Ke umfazi ethe indoda yamlala, bohlamba ngamanzi, babe ziinqambi bahlwise bobabini.
-
19
|Levítico 15:19|
Umfazi xa athe wampompoza, kwaba ligazi ukumpompoza kwakhe enyameni yakhe, woba sekungcoleni kwakhe imihla esixhenxe; bonke abo bamchukumisayo boba ziinqambi, bahlwise.
-
20
|Levítico 15:20|
Yonke into asukuba elala phezu kwayo ekungcoleni kwakhe, yoba yinqambi; nento yonke asukuba ehlala phezu kwayo, yoba yinqambi.
-
21
|Levítico 15:21|
Bonke abo bachukumisa isilili sakhe bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
-
22
|Levítico 15:22|
Bonke abo bachukumisa nantoni yempahla ahlala phezu kwayo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
-
23
|Levítico 15:23|
Nokuba lisesililini, nokuba lisempahleni ahlala kuyo, ekulichukumiseni kwabo boba ziinqambi, bahlwise.
-
24
|Levítico 15:24|
Ukuba indoda ithe yalala naye, kwafikelela kuyo ukungcola kwakhe, yoba yinqambi imihla esixhenxe, nesilili sonke elele kuso soba yinqambi.
-
25
|Levítico 15:25|
Umfazi xa athe wampompoza ukumpompoza kwegazi lakhe imihla emininzi, ingelilo ixesha lokungcola kwakhe, naxa lithe lampompoza ngaphezu kwelokungcola kwakhe: yonke imihla yokumpompoza kobunqambi bakhe yoba njengemihla yokungcola kwakhe, abe yinqambi yena.
-
26
|Levítico 15:26|
Zonke izilili athe walala kuzo, yonke imihla yokumpompoza kwakhe, zoba njengesilili sokungcola kwakhe kuye; zonke iimpahla athe wahlala kuzo, zoba ziinqambi njengobunqambi bokungcola kwakhe.
-
27
|Levítico 15:27|
Bonke abo bazichukumisayo ezo nto, boba ziinqambi; bazihlambe iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36