-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Levítico 21:21|
Ze kungasondeli nanye indoda enesiphako, yembewu ka-Aron umbingeleli, isondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova; inesiphako; mayingasondeli, isondeze ukudla koThixo wayo.
-
22
|Levítico 21:22|
Ingakudla ukudla koThixo wayo kwezinto eziziingcwala kangcwele, kwanazingcwela.
-
23
|Levítico 21:23|
Kodwa mayingezi emkhusaneni, ingasondeli nasesibingelelweni, ngokuba inesiphako; ukuze ingayihlambeli ingcwela yam; ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.
-
24
|Levítico 21:24|
Wakuthetha ke oko uMoses kuAron noonyana bakhe, noonyana bonke bakaSirayeli.
-
1
|Levítico 22:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Levítico 22:2|
Thetha kuAron nakoonyana bakhe, bazahlule ezintweni ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, bangalihlambeli igama lam elingcwele ezintweni abazingcwalisayo kum: ndinguYehova.
-
3
|Levítico 22:3|
Yithi kubo, Ezizukulwaneni zenu, bonke abantu abangabembewu yenu, abasukuba besondela ezintweni ezingcwale, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli kuYehova, benobunqambi babo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebusweni bam: ndinguYehova.
-
4
|Levítico 22:4|
Umntu ngomntu ongowembewu ka-Aron, oneqhenqa, nobhobhozayo, makangazidli izinto ezingcwele, ade ahlambuluke. Nalowo umchukumisayo wonke ubani oyinqambi ngofileyo, nendoda esukuba incola;
-
5
|Levítico 22:5|
nomntu osukuba echukumisa yonke into enyakazelayo, eyinqambi kuya, nokuba ngumntu oyinqambi kuye ebunqambini bakhe bonke:
-
6
|Levítico 22:6|
umphefumlo osukuba uyichukumisa into enjalo, woba yinqambi, uhlwise; lowo makangadli ezintweni ezingcwele. Ke makawuhlambe umzimba wakhe emanzini;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3