-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Mateo 6:3|
Ke wena, xa uliza abantu, masingazi isandla sakho sokhohlo into eyenziwa sisandla sakho sokunene,
-
4
|Mateo 6:4|
ukuze amalizo akho abe semfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni yena.
-
5
|Mateo 6:5|
Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
-
6
|Mateo 6:6|
Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
-
7
|Mateo 6:7|
Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
-
8
|Mateo 6:8|
Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli.
-
9
|Mateo 6:9|
Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.
-
10
|Mateo 6:10|
Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.
-
11
|Mateo 6:11|
Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla.
-
12
|Mateo 6:12|
Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 1-4