-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Mateo 6:13|
Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.
-
14
|Mateo 6:14|
Kuba xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani.
-
15
|Mateo 6:15|
Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu.
-
16
|Mateo 6:16|
Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
-
17
|Mateo 6:17|
Ke wena, wakuzila, yithambise intloko yakho, ubuhlambe ubuso bakho,
-
18
|Mateo 6:18|
ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
-
19
|Mateo 6:19|
Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe;
-
20
|Mateo 6:20|
ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe;
-
21
|Mateo 6:21|
kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
-
22
|Mateo 6:22|
Isibane somzimba liliso; xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 1-4