-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|Mateo 6:23|
Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo!
-
24
|Mateo 6:24|
Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
-
25
|Mateo 6:25|
Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha?
-
26
|Mateo 6:26|
Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti ke uYihlo osemazulwini uyazondla. Nina anizidlule kakhulu na?
-
27
|Mateo 6:27|
Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye?
-
28
|Mateo 6:28|
Kanjalo yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? Gqalani iinyibiba zasendle, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta;
-
29
|Mateo 6:29|
ke ndithi kuni, noSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi.
-
30
|Mateo 6:30|
Ukuba ke ingca leyo yasendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambathisa, akayi kunambathisa kakhulu ngakumbi na, bantundini balukholo luncinane?
-
31
|Mateo 6:31|
Musani ukuxhala ngoko, nisithi, Sodla ntoni na, sosela ntoni na, siya kwambatha ntoni na?
-
32
|Mateo 6:32|
Kuba zonke ezo zinto zingxanyelwe ziintlanga; kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 1-4