-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 11:11|
Wathi uMoses kuYehova, Yinina ukuba umphathe kakubi, umkhonzi wakho lo? Yini na ukuba ndingababalwa nguwe, usuke uwubeke umthwalo waba bantu bonke phezu kwam?
-
12
|Números 11:12|
Ndim na obakhawuleyo aba bantu bonke? Ndim na obazeleyo, ukuba uthi kum, Bathwale ngesifuba sakho, njengomondli ethwele umntwana owanyayo, ndibase emhlabeni owawufungela ooyise?
-
13
|Números 11:13|
Ndoyizuza phi na inyama, ndibanike bonke aba bantu? Ngokuba balila kum, besithi, Sinike inyama sidle.
-
14
|Números 11:14|
Andinako mna ukubathwala aba bantu ndedwa, ngokuba kunzima oko kum.
-
15
|Números 11:15|
Ukuba undenjenjalo, sewundibulala kanye, ukuba undibabale; mandingabuboni ububi bam.
-
16
|Números 11:16|
Wathi uYehova kuMoses, Hlanganisela kumamadoda abe ngamashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, ababhali babo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe.
-
17
|Números 11:17|
Ndiya kuhla, ndithethe nawe khona, ndicaphule kumoya okuwe, ndibeke kuwo, awuthwale nawe umthwalo wabantu aba, ungawuthwali wedwa wena.
-
18
|Números 11:18|
Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama; kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa. UYehova uya kuninika ke inyama nidle.
-
19
|Números 11:19|
Aniyi kuyidla mhla mnye, namihla mibini, namihla mihlanu, namihla ilishumi, namihla imashumi mabini;
-
20
|Números 11:20|
nodla inyanga iphela, ide iphume ngeempumlo zenu, ibe lubhokra kuni; ngenxa enokuba nimcekisile uYehova ophakathi kwenu, nalila phambi kwakhe, nisithi, Saphumelani na eYiputa?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7