-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 35:1|
Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantsoni zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, esithi,
-
2
|Números 35:2|
Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, ukuba babanike abaLevi elifeni lenzuzo yabo imizi yokubabahlale kuyo, nibanike abaLevi namadlelo ngasemizini yabo ngeenxa zonke.
-
3
|Números 35:3|
Imizi yabo yoba yeyokuhlala, amadlelo ayo abe ngaweenkomo zabo, nempahla yabo, nento yabo yonke ephilileyo.
-
4
|Números 35:4|
Amadlelo emizi enobanika abaLevi othabathela eludongeni lomzi ase ngaphandle, abe ziikubhite eziliwaka ngeenxa zonke;
-
5
|Números 35:5|
nilinganise nithabathela ngaphandle komzi, icala lasempumalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasezantsi libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala lasentshonalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasentla libe ziikubhite ezingamawaka amabini, umzi ubesesazulwini. Lawo oba ngamadlelo emizi yabo.
-
6
|Números 35:6|
Imizi eniya kuyinika abaLevi yoba nemizi emithandathu yokusabela, enobanika ukuba abalekele kuyo umbulali, kuleyo nongeze imizi engamashumi amane anambini.
-
7
|Números 35:7|
Yonke imizi enobanika yona abaLevi yoba yimizi engamashumi amane anesibhozo, anamadlelo ayo.
-
8
|Números 35:8|
Imizi enobanika enzuzweni yoonyana bakaSirayeli noyenza mininzi kwesininzi, niyenze mincinane kwesincinane; eso isizwe, ngokomlinganiso welifa laso esiya kulidla, sobanika abaLevi emizini yaso.
-
9
|Números 35:9|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
10
|Números 35:10|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nafika ezweni lakwaKanan,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10