-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 12:1|
Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile: ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi.
-
2
|Números 12:2|
Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na? Weva uYehova.
-
3
|Números 12:3|
Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni.
-
4
|Números 12:4|
Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu.
-
5
|Números 12:5|
Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini.
-
6
|Números 12:6|
Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni.
-
7
|Números 12:7|
Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke.
-
8
|Números 12:8|
Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; asikhangele yena isimilo sikaYehova. Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses?
-
9
|Números 12:9|
Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena.
-
10
|Números 12:10|
Lemka ilifu ententeni; yini le? uMiriyam uneqhenqa njengekhephu. Wabheka uAron kuMiriyam; yini? uneqhenqa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7