-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 19:1|
Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
-
2
|Números 19:2|
Nguwo lo ummiselo womyalelo awumisileyo uYehova, esithi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bakuzisele ithokazi elibomvu eligqibeleleyo, elingenasiphako, ekungabekwanga dyokhwe kulo;
-
3
|Números 19:3|
nilinike uElazare umbingeleli, alise ngaphandle kweminquba, lixhelelwe phambi kwakhe.
-
4
|Números 19:4|
Wocaphula ke uElazare umbingeleli egazini lalo ngomnwe wakhe, alifefe ngaphambili ententeni yokuhlangana izihlandlo ezisixhenxe;
-
5
|Números 19:5|
litshiswe ithokazi phambi kwakhe, sitshiswe isikhumba salo, nenyama yalo, negazi lalo, ndawonye nomswane walo.
-
6
|Números 19:6|
Umbingeleli wothabatha ke umsedare, nehisope, nosinga olubomvu, aziphose ezo nto phakathi kokutsha kwethokazi;
-
7
|Números 19:7|
ahlambe iingubo zakhe umbingeleli, ahlambe umzimba wakhe ngamanzi, angene emveni koko eminqubeni, abe yinqambi umbingeleli kude kuhlwe.
-
8
|Números 19:8|
Lowo ulitshisileyo makazihlambe iingubo zakhe ngamanzi, ahlambe umzimba ngamanzi, abe yinqambi kude kuhlwe.
-
9
|Números 19:9|
Indoda ehlambulukileyo yoluwola uthuthu lwethokazi, ilubeke ngaphandle kweminquba endaweni emhlophe, lugcinelwe ibandla loonyana bakaSirayeli, lube lolwamanzi okuhlamba ukungcola: lidini lesono eli.
-
10
|Números 19:10|
Oluwolayo uthuthu lwethokazi wazihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi kude kuhlwe; kube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli, nakowolunye uhlanga oluphambukele phakathi kwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10