-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 28:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Números 28:2|
Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Umsondezo wam, isonka sam sokudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kum, nokugcina ukuwusondeza kum ngexesha lawo elimisiweyo.
-
3
|Números 28:3|
Uze uthi kubo, Kuko oku ukudla kwasemlilweni enokusondeza kuYehova: iimvana ezimbini ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zemini ngemini, zedini elinyukayo lamaxesha onke;
-
4
|Números 28:4|
enye imvana woyenza kusasa, eyesibini uyenze lakutshona ilanga;
-
5
|Números 28:5|
nesahlulo seshumi se-efa somgubo ocoliweyo woba ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli engqushiweyo, esisahlulo sesine sehin.
-
6
|Números 28:6|
Lidini elinyukayo lamaxesha onke, elamiselwa entabeni yeSinayi ukuba libe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;
-
7
|Números 28:7|
nomnikelo walo othululwayo woba sisahlulo sesine sehin kwimvana yokuqala. Wowuthululela engcweleni umnikelo othululwayo, usisiselo esinamandla kuYehova.
-
8
|Números 28:8|
Eyesibini imvana woyenza lakutshona ilanga. Woyenza ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ukudla kwasemlilweni ivumba elithozamisayo ke elo kuYehova.
-
9
|Números 28:9|
Ke ngomhla wesabatha, nosondeza iimvana ezimbini ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, nezahlulo zeshumi zibe zibini zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, nomnikelo walo othululwayo.
-
10
|Números 28:10|
Lidini elinyukayo ke elo lesabatha ngesabatha, ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10