-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 22:1|
Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa ezinkqantsoni zakwaMowabhi phesheya kweYordan, malunga neYeriko.
-
2
|Números 22:2|
Wakubona uBhalaki, unyana kaTsipore, konke abekwenzile uSirayeli kuma-Amori.
-
3
|Números 22:3|
UMowabhi wanxunguphala kakhulu ngabantu, ngokuba bebaninzi; wakruquka uMowabhi ngoonyana bakaSirayeli.
-
4
|Números 22:4|
Wathi uMowabhi kumadoda amakhulu akwaMidiyan, Ngoku esi sikhungu siya kukukhotha konke okungeenxa zonke kuthi, njengoko inkomo ilukhothayo uhlaza lwasendle. Ke uBhalaki, unyana kaTsipore, ubengukumkani wamaMowabhi ngelo xesha.
-
5
|Números 22:5|
Wathuma abathunywa kuBhileham, unyana kaBhehore, ePehore, esemlanjeni welizwe loonyana babantu bakowabo, ukuba bambize bathi, Yabona, kuphume abantu eYiputa; nabo bebugubungele ubuso belizwe, behleli malungana nam.
-
6
|Números 22:6|
Khawuze ke, undiqalekisele aba bantu, ngokuba banamandla kunam; mhlawumbi ndingaba nako ukubabulala, ndibagxothe kweli lizwe; ngokuba ndiyazi ukuba omsikelelayo usikelelwe, omqalekisayo uqalekisiwe.
-
7
|Números 22:7|
Ahamba ke amadoda amakhulu akwaMowabhi, namadoda amakhulu akwaMidiyan, eneenkozo zokuvumisa ezandleni zawo, aya kuBhileham, athetha kuye amazwi kaBhalaki.
-
8
|Números 22:8|
Wathi kuwo, Lalani apha ngobu busuku; ndoninika ilizwi, njengoko uYehova aya kuthetha kum. Bahlala ke abathetheli abo bakwaMowabhi noBhileham.
-
9
|Números 22:9|
Wafika uThixo kuBhileham, wathi, Angoobani na la madoda anawe apha?
-
10
|Números 22:10|
Wathi uBhileham kuThixo, UBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wamaMowabhi, uthumele kum, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10