-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 22:21|
Wavuka uBhileham kusasa, wayibopha imazi yakhe ye-esile, wahamba nabathetheli abo bakwaMowabhi.
-
22
|Números 22:22|
Wavutha umsindo kaThixo, ngokuba wahambayo. Sema isithunywa sikaYehova endleleni ukuba simchase. Wayekhwele e-esileni lakhe, enamadodana akwakhe omabini.
-
23
|Números 22:23|
Iesile lasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso, lathi gu bucala iesile endleleni, laya entsimini. UBhileham walibetha iesile, elisongela endleleni.
-
24
|Números 22:24|
Sema isithunywa sikaYehova engxingweni yezidiliya, iludonga ngapha, iludonga ngapha.
-
25
|Números 22:25|
Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lagudla udonga, lalugudla unyawo lukaBhileham ngodonga; waphinda walibetha.
-
26
|Números 22:26|
Saphinda sagqitha isithunywa sikaYehova, sema endaweni exineneyo, apho bekungekho ndlela yakucezela ekunene nasekhohlo.
-
27
|Números 22:27|
Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lasadalala phantsi koBhileham. Wavutha umsindo kaBhileham, walibetha iesile ngentonga.
-
28
|Números 22:28|
Wawuvula ke uYehova umlomo we-esile, lathi kuBhileham, Ndikwenze ntoni na, ukuba undibethe lamaxesha mathathu?
-
29
|Números 22:29|
Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethe ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku!
-
30
|Números 22:30|
Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe? Wathi, Hayi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10