-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 20:1|
Bafika oonyana bakaSirayeli, lonke ibandla, entlango yaseTsin ngenyanga yokuqala; bahlala abantu eKadeshe. Wafela khona uMiriyam, wangcwatyelwa khona.
-
2
|Números 20:2|
Lalingenamanzi ibandla.
-
3
|Números 20:3|
Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, babambana abantu noMoses, bathi, Akwaba sibe siphume umphefumlo oko abazalwana bethu baphuma umphefumlo phambi koYehova!
-
4
|Números 20:4|
Yini na ukuba nisingenise isikhungu sikaYehova kule ntlango, sifele kuyo, thina neenkomo zethu?
-
5
|Números 20:5|
Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, nisizise kule ndawo imbi kangaka? Asindawo yambewu, namakhiwane, namidiliya, nazirharnate, tu namanzi okusela!
-
6
|Números 20:6|
Besuka ooMoses noAron ebusweni besikhungu, baya emnyango wentente yokuhlangana, bawa ngobuso. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo.
-
7
|Números 20:7|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
8
|Números 20:8|
Yithabathe intonga, ulibizele ndawonye ibandla, wena noAron umkhuluwa wakho, nithethe engxondorheni phambi kwabo, inike amanzi ayo, ubakhuphele amanzi engxondorheni apho, uliseze ibandla neenkomo zalo.
-
9
|Números 20:9|
Wayithabatha ke uMoses intonga ebusweni bukaYehova, njengoko wawiswayo umthetho.
-
10
|Números 20:10|
Wasibizela ndawonye uMoses noAron isikhungu phambi kwengxondorha leyo, wathi kubo, Khanive, nina baneenkani. Sinikhuphele amanzi kule ngxondorha na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7