-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 20:11|
Wasiphakamisa uMoses isandla sakhe, wayibetha ingxondorha ngentonga yakhe izihlandlo zazibini; aphuma amanzi amaninzi, lasela ibandla neenkomo zalo.
-
12
|Números 20:12|
Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ngokokuba ningakholwanga kum, ukuba nindingcwalise emehlweni oonyana bakaSirayeli, ngoko aniyi kusingenisa esi sikhungu ezweni endibanika lona.
-
13
|Números 20:13|
Ngawo lawo amanzi aseMeribha, ababambana ngawo oonyana bakaSirayeli noYehova, waza wazingcwalisela bona.
-
14
|Números 20:14|
UMoses wasusa izigidimi eKadeshe, zaya kuthi kukumkani wakwaEdom, Utsho umzalwana wakho uSirayeli ukuthi, Wena uyakwazi konke ukuxhamleka esafumanana nako.
-
15
|Números 20:15|
Behla oobawo, baya eYiputa, sahlala eYiputa imihla emininzi. Asiphatha kakubi amaYiputa, thina noobawo bethu;
-
16
|Números 20:16|
sakhala kuYehova, waliva ilizwi lethu; wathuma isithunywa, sasikhupha eYiputa. Nanku ke siseKadeshe, umzi osekupheleni komda wakho.
-
17
|Números 20:17|
Makhe sicande ezweni lakho. Asiyi kucanda masimini nasezidiliyeni. Asiyi kusela manzi amaqula. Sohamba ngomendo wenkosi; asiyi kuthi gu bucala siye ekunene nasekhohlo side sicande emdeni wakho.
-
18
|Números 20:18|
Wathi uEdom kuye, Uze ungacandi kum, hleze ndiphume ndinekrele, ndikuhlangabeze.
-
19
|Números 20:19|
Bathi oonyana bakaSirayeli kuye, Sonyuka ngomendo. Ukuba sithe sasela amanzi akho, mna nemfuyo yam, ndokuhlawulela. Akukho nto, ndocanda nje kodwa, ndihamba ngeenyawo.
-
20
|Números 20:20|
Wathi, Uze ungacandi. Watsho waphuma uEdom, wamhlangabeza enento eninzi yabantu, enesandla esithe nkqi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21