-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 20:21|
Wala uEdom ukumvumela uSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. Wajika ke uSirayeli, wemka kuye.
-
22
|Números 20:22|
Banduluka eKadeshe beza oonyana bakaSirayeli, ibandla lonke, entabeni yeHore.
-
23
|Números 20:23|
Wathetha uYehova kuMoses nakuAron entabeni yeHore, emdeni welizwe lakwaEdom, wathi,
-
24
|Números 20:24|
UAron makahlanganiselwe kwabakowabo; ngokuba akayi kungena ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokuba nawuphikisayo umlomo wam emanzini embambano.
-
25
|Números 20:25|
Thabatha uAron noElazare unyana wakhe, ubanyuse entabeni yeHore;
-
26
|Números 20:26|
umhlube uAron iingubo zakhe, uzambathise uElazare unyana wakhe. UAron wohlanganiselwa kwabakowabo, afele khona.
-
27
|Números 20:27|
Wenza uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho; benyuka entabeni yeHore phambi kwebandla lonke.
-
28
|Números 20:28|
UMoses wamhluba uAron iingubo zakhe, wazambathisa uElazare unyana wakhe. Wafela khona uAron encotsheni yentaba. Wehla uMoses noElazare entabeni.
-
29
|Números 20:29|
Lakubona lonke ibandla ukuba uAron uphume umphefumlo, bamlilela uAron imihla emashumi mathathu, yonke indlu yakwaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7