-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 6:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Números 6:2|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda, nokuba yinkazana, xa ithe yazibalulela esibhambathisweni, esibhambathisweni sozahlulileyo, ezahlulela kuYehova,
-
3
|Números 6:3|
wozahlula ewayinini nakwisiselo esinxilisayo, angaseli viniga yawayini, naviniga yasiselo sinxilisayo, angaseli nancindi yazidiliya, angadli zidiliya zimanzi nadiliya zomileyo;
-
4
|Números 6:4|
yonke imihla yokuzahlula kwakhe aze angadli nto yenziweyo ngomdiliya, ethabathela ezinkozweni ese exolweni.
-
5
|Números 6:5|
Yonke imihla yesibhambathiso sokuzahlula kwakhe, isitshetshe masingahambi entlokweni yakhe; ide izaliseke imihla azahlulele kuYehova, woba ngcwele, aziyeke iinwele zentloko yakhe, zihlume ziyakazele.
-
6
|Números 6:6|
Yonke imihla yokuzahlulela kwakhe kuYehova, aze angasondeli kofileyo;
-
7
|Números 6:7|
angazenzi nqambi ngoyise nangonina, ngomzalwana wakhe nangodade wabo, ekufeni kwabo; ngokuba imbasa yoThixo wakhe iphezu kwentloko yakhe.
-
8
|Números 6:8|
Yonke imihla yokuzahlula kwakhe ungcwele kuYehova.
-
9
|Números 6:9|
Xa kuthe kwafa ubani ngakuye ngephanyazo ngesiquphe, wayenza inqambi intloko yokuzahlula kwakhe, woyicheba intloko yakhe ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe, ayichebe ngomhla wesixhenxe.
-
10
|Números 6:10|
Ngomhla wesibhozo maze azise amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10