-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 6:11|
Umbingeleli wolenza elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo, amcamagushele, ngokokuba wonile ngofileyo; ayingcwalise intloko yakhe ngaloo mhla.
-
12
|Números 6:12|
Woyahlulela kuYehova imihla yokuzahlula kwakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala. Ke imihla yangaphambili ize ingabalwa, ngokuba kwaba yinqambi ukuzahlula kwakhe.
-
13
|Números 6:13|
Nguwo lo umyalelo wozahluleyo: Ngemini yokuzaliseka kwemihla yokuzahlula kwakhe, woziswa emnyango wentente yokuhlangana.
-
14
|Números 6:14|
Aze asondeze umsondezo wakhe kuYehova, imvana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini elinyukayo; nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu egqibeleleyo, ibe nye, ibe ngumbingelelo woxolo;
-
15
|Números 6:15|
nengobozi yemiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli; nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli; neminikelo yawo yokudla, neminikelo yawo ethululwayo.
-
16
|Números 6:16|
Wosondeza ke umbingeleli phambi koYehova, enze idini lakhe lesono nedini lakhe elinyukayo;
-
17
|Números 6:17|
inkunzi yemvu ayenze umbingelelo woxolo kuYehova, kunye nengobozi yezonka ezingenagwele; awenze umbingeleli umnikelo wakhe wokudla, nomnikelo wakhe othululwayo.
-
18
|Números 6:18|
Womcheba ozahluleyo intloko yokuzahlula kwakhe emnyango wentente yokuhlangana, athabathe iinwele zentloko yokuzahlula kwakhe, azifake emlilweni ongaphantsi kombingelelo woxolo.
-
19
|Números 6:19|
Wowuthabatha umbingeleli umkhono ophekiweyo wenkunzi yemvu, nomqhathane ongenagwele ube mnye engobozini, nesonkana esisicaba esingenagwele sibe sinye, azibeke ezandleni zozahluleyo, emva kokuyicheba intloko yokuzahlula kwakhe;
-
20
|Números 6:20|
azitshangatshangise umbingeleli, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova. Zingcwele ezo kumbingeleli, kunye nencum yedini lokutshangatshangisa, kunye nomlenze womrhumo. Emveni koko ozahluleyo angayisela iwayini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10