-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 22:11|
Yabona, kuphume abantu eYiputa, babugubungela ubuso belizwe; yiza ke undiqalekisele bona, mhlawumbi ndingaba nako ukulwanabo, ndibagxothe.
-
12
|Números 22:12|
Wathi uThixo kuBhileham, Uze ungahambi nawo, ungabaqalekisi abo bantu, kuba basikelelwe.
-
13
|Números 22:13|
Wavuka uBhileham kusasa, wathi kubathetheli bakaBhalaki, Yiyani ezweni lenu; ngokuba uYehova uyala ukundivumela ndihambe nani.
-
14
|Números 22:14|
Besuka ke abathetheli bakwaMowabhi, baya kuBhalaki, bathi, Walile uBhileham ukuza nathi.
-
15
|Números 22:15|
Waphinda uBhalaki, wathuma abathetheli bebaninzi, bebekekile kunabo.
-
16
|Números 22:16|
Bafika ke kuBhileham, bathi kuye, Utsho uBhalaki, unyana kaTsipore, ukuthi, Musa ukukha unqandwe nto ukuza kum;
-
17
|Números 22:17|
kuba ukukuzukisa kona ndiya kukuzukisa kunene, ndikwenze konke ondixelela kona; khawuze undiqalekisele aba bantu.
-
18
|Números 22:18|
Waphendula uBhileham, wathi kubakhonzi bakaBhalaki, Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andinako ukuwugqitha umlomo kaYehova, uThixo wam, ndenze okuncinane nokuba kokukhulu.
-
19
|Números 22:19|
Khanihlale apha ke nani ngobu busuku, udide ndiyazi into aya kuyongeza uYehova, ayithethe kum.
-
20
|Números 22:20|
Wafika uThixo kuBhileham ebusuku, wathi kuye, Ukuba la madoda afike kuwe eza kukubiza, suka uhambe nawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze wenze lona lodwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10