-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 28:11|
Ekuthwaseni kweenyanga zenu nosondeza kuYehova idini elinyukayo, iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezigqibeleleyo ezimnyaka mnye zibe sixhenxe;
-
12
|Números 28:12|
nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zithathu, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, kuyo inkunzi entsha enye yenkomo; nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zibini, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, kuyo inkunzi enye yemvu;
-
13
|Números 28:13|
nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo ngasinye, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, kuyo imvana enye. Lidini elinyukayo, livumba elithozamisayo, kukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;
-
14
|Números 28:14|
neminikelo yazo ethululwayo yoba sisiqingatha sehin kuyo inkunzi entsha yenkomo, nesahlulo sesithathu sehin kuyo inkunzi yemvu, nesahlulo sesine sehin yewayini kwimvana. Lilo elo idini elinyukayo lenyanga ngenyanga ezinyangeni zomnyaka.
-
15
|Números 28:15|
Nenkunzi yebhokhwe exhonti yoba nye, ibe lidini lesono kuYehova; nolenza ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke nomnikelo walo othululwayo.
-
16
|Números 28:16|
Ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, yipasika kuYehova.
-
17
|Números 28:17|
Ngomhla weshumi elinesihlanu waloo nyanga ngumthendeleko. Iintsuku ezisixhenxe kodliwa izonka ezingenagwele.
-
18
|Números 28:18|
Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
-
19
|Números 28:19|
Nosondeza ukudla kwasemlilweni, idini elinyukayo kuYehova: iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye, zibe sixhenxe; zoba zezigqibeleleyo kuni.
-
20
|Números 28:20|
Nowenza umnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10