-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 35:21|
nokuba uthe wambetha ngesandla sakhe ngobutshaba, wafa: makabulawe afe lowo umbethileyo; ungumbulali yena. Umphindezeli wegazi wombulala umbulali lowo akuqubisana naye.
-
22
|Números 35:22|
Ukuba uthe wamqubula wamtyhala, engenabutshaba, nokuba umgibisele ngempahla nokuba nangayiphi na into, engamzondi,
-
23
|Números 35:23|
nokuba lilitye angafayo ngalo, engamboni, amwisele ngalo, engenabutshaba naye, engafuni kumenza nto imbi:
-
24
|Números 35:24|
liya kwahlula ibandla phakathi kobethileyo nomphindezeli wegazi, ngokwezo zigwebo;
-
25
|Números 35:25|
limhlangule ibandla umbulali esandleni somphindezeli wegazi, limbuvisele ibandla emzini wokusabela kwakhe, abebalekele kuwo, ahlale kuwo ade afe umbingeleli omkhulu othanjisiweyo ngeoli engcwele.
-
26
|Números 35:26|
Ukuba umbulali uthe waphuma ngaphandle komda womzi wokusabela kwakhe abebalekele kuwo,
-
27
|Números 35:27|
umphindezeli wegazi wamfumana engaphandle komda womzi wokusabela kwakhe, umphindezeli wegazi wambulala umbulali lowo, akayi kuba natyala lagazi lowo.
-
28
|Números 35:28|
Kuba ange ehleli emzini wokusabela kwakhe, kwada kwafa umbingeleli omkhulu. Ke emveni kukufa kombingeleli omkhulu, umbulali wobuyela emhlabeni wenzuzo yakhe.
-
29
|Números 35:29|
Ezo zinto zoba ngummiselo wokugweba kuni kwizizukulwana zenu emakhayeni enu onke.
-
30
|Números 35:30|
Bonke ababulele umntu, makabulawe umbulali lowo ngomlomo wamangqina; kodwa ingqina lilinye aliyikungqina ngomntu afe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10