-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 13:21|
Enyuka ke, alihlola ilizwe, ethabathela entlango yaseTsin, esa eRehobhi, ekuyeni eHamati.
-
22
|Números 13:22|
Enyuka ngezantsi, afike eHebron; babekhona ooAhiman, noSheshayi, noTalemayi, abenzalo ka-Anaki. Ke owaseHebron wawusewakhiwe iminyaka esixhenxe, ingekakhiwa iTsohan eYiputa.
-
23
|Números 13:23|
Afika esihlanjeni sakwaEshekoli, anqumla khona isebe linesihloko seediliya sisinye, asithwala ngesibonda emabini; nakwiirharnate, nakumakhiwane enjenjalo.
-
24
|Números 13:24|
Loo ndawo kwathiwa sisihlambo sakwaEshekoli, ngenxa yesihloko eso basinqumla khona oonyana bakaSirayeli.
-
25
|Números 13:25|
Abuya ekulihloleni ilizwe ekupheleni kweentsuku ezimashumi mane.
-
26
|Números 13:26|
Eza afika kuMoses, nakuAron, nakwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, entlango yaseParan eKadeshe; azisa ilizwi kubo, nakwibandla lonke, ababonisa neziqhamo zelizwe elo.
-
27
|Números 13:27|
Abaxelela athi, Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo.
-
28
|Números 13:28|
Kodwa banamandla abantu, abemi kwelo zwe; imizi inqatyisiwe, imikhulu kunene; kananjalo sibone abenzalo ka-Anaki khona.
-
29
|Números 13:29|
Kumi ama-Amaleki ezweni lasezantsi; amaHeti namaYebhusi nama-Amori emi ezintabeni; amaKanan emingaselwandle nangecala laseYordan.
-
30
|Números 13:30|
Wabazolisa uKalebhi abantu phambi koMoses, wathi, Masinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siyakuleyisa kakade.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10