-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Números 16:41|
Lamkrokrela uMoses noAron ngengomso lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, lisithi, Nina nibabulele abantu bakaYehova.
-
42
|Números 16:42|
Kwathi ekubizelweni ndawonye kwebandla ngoMoses nangoAron, babheka ententeni yokuhlangana. Nalo ilifu liyisibekele babonakala ubuqaqawuli bukaYehova.
-
43
|Números 16:43|
Beza ooMoses noAron phambi kwentente yokuhlangana.
-
44
|Números 16:44|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
45
|Números 16:45|
Sukani phakathi kweli bandla, ndiligqibele ngephanyazo. Bawa ngobuso.
-
46
|Números 16:46|
Wathi uMoses kuAron, Luthabathe ugcedevu, ubeke umlilo phezu kwalo ovela esibingelelweni, ubeke isiqhumiso, ukhawuleze uye ebandleni, ubacamagushele; kuba kuphume uburhalarhume ebusweni bukaYehova, siqalile isibetho.
-
47
|Números 16:47|
Wathabatha ke uAron njengoko uMoses wathethayo, wabalekela phakathi kwesikhungu; naso isibetho siqalile ebantwini. Wabeka isiqhumiso, wabacamagushela abantu.
-
48
|Números 16:48|
Wema phakathi kwabafileyo nabahleliyo; sathintelwa ke isibetho.
-
49
|Números 16:49|
Abo bafayo sisibetho baba lishumi elinesine lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabafayo ngendawo yakwaKora.
-
50
|Números 16:50|
Wabuyela uAron kuMoses emnyango wentente yokuhlangana; isibetho sathintelwa ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4