-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 21:11|
Banduluka eObhoti, baya bamisa eIye-abharim, entlango ephambi kwelakwaMowabhi, ngasekuphumeni kwelanga.
-
12
|Números 21:12|
Banduluka khona, baya bamisa esihlanjeni saseZerede.
-
13
|Números 21:13|
Banduluka khona, baya bamisa phesheya kweArnon, esentlango, ephuma emdeni wama-Amori; kuba iArnon ngumda wakwaMowabhi, ophakathi kwamaMowabhi nama-Amori.
-
14
|Números 21:14|
Ngenxa yoko, kuthiwa encwadini yeemfazwe zikaYehova: IVahebhi wayithabatha esiza ngesaqhwithi, Nezibhaxa zaseArnon,
-
15
|Números 21:15|
Namathambeka ezibhaxa, Olukela ekhayeni laseAri, Ayame umda wakwaMowabhi.
-
16
|Números 21:16|
Banduluka khona, baye eBhere; elo lelo qula wathi ngalo uYehova kuMoses, Hlanganisa abantu, ndibanike amanzi.
-
17
|Números 21:17|
Oko ahlaba amaSirayeli le ngoma: Nyuka, qula; vumani kulo,
-
18
|Números 21:18|
Kwiqula elambiwa ngabathetheli, Lagonjwa ngamanene abantu, Ngentonga yommisi-mthetho, ngemisimelelo yawo. Banduluka entlango, baya eMatana.
-
19
|Números 21:19|
Banduluka eMatana, baya eNahaliyeli. Banduluka eNahaliyeli, baya eBhamoti.
-
20
|Números 21:20|
Banduluka eBhamoti, baya esihlanjeni esisemhlabeni wakwaMowabhi, baya encotsheni yePisga, ekhangele enkangala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4